Ukukhupha Isisu eMzantsi Afrika

SRJC steering committee and youth member, Nomtika Mjwana, published this blog post on Abortion in isiXhosa. Please read and share widely.

Masikhathalele Abafazi.

Ingcaciso: Kulombhalo “umfazi” uthetha wonke umntu ozalwe nelungu langasese lobufazi . Ndiyaxolisa kuba ndiyayazi kukho abantu abazalwe benelungu langasese lobufazi kodwa abangengobafazi. Ndisafunda kwaye ukuba ungakwazi ukundinika amagama angcono endinokuwasebenzisa, ndicela undixelele.

Ndiyaqala ukuthatha ixesha ndibhale ngolwimi lwesiXhosa malunga nalomsebenzi ndiwenzayo wokuqinisekisa ukuba abantu abacalucalulwa ngokwesini nangokwebala bayahoyeka, kwaye amalungelo abo ayakhuselwa.

 

NdingumXhosa, ndisifundile nasesikolweni kodwa andizange nakanye kulomsebenzi ndiwenzayo ndenze iintetha emazweni okanye ndibhale ngolwimi lwesiXhosa. Ewe wethu apho nalapho xa ndincedisa ekufundiseni abanye abantu ngokubaluleka kwamalungelo ethu nendlela esinowamela ngayo, ndifane nditolike. Kodwa ngamanye amaxesha imizamo yam yokulwela amalungelo abantu ayifikeleli eluntwini jikelele xa ndithetha isingesi.. Lonto ithetha ukuba kukho abantu abawudingayo lomyalezo kodwa abangakwaziyo ukundiva ncam.

Kuye ke esilungwini kuthethwe ngento ekuthiwa yi “Intersectionality”, thina ke masiyibizengokuba “kukudibana nokohlukana kwengcindezelo”. Lomba wathiywa ngu Kimberle Crenshaw waseMelika, ecacisa into yokuba zininzi iindela umntu acalucalulwa nacinezelwa ngazo. Ndithe ke ndakucingisisa ndizibuza ukuba ndithetha nabani mna kuyo yonke lento ndiyenzayo, ndabona ukuba baninzi abantu abandivayo kodwa baphinde babebaninzi nabangandiviyo kuba ndithetha ngolwimi lwengcinezelo kuphela. Yiyo lonto ke ndiye ndabona ukuba mandikhe ndizithume ndibhale ngolwimi lwesiXhosa.

Ndiyacela ke bethu nindixolele kwiimpazamo endizakuthi ndizenze. Maninzi amagama esiwasebenzisayo apha esilungwini asincedayo ekuqinisekiseni ukuba abaqulunqi nabagunyazisi-mthetho bayasiva. Njengoko sifundiswa ukuba masibhale kakhulu ukuze sibengcono, nalo ke ngumzamo wam.

 

Masingene emxholweni.
Kuba sele inde into endiyicacisileyo ndizakuthetha nje kancinci malunga nokukhupha isisu eMzantsi Afrika.

 

Sikhule ilihlazo, igxekwa yaye ijongwa ngezikhondo zamehlo into yokukhupha isisu. Sikhule kusithiwa abafazi namantombazana abakhupa isisu ngamagqwirha, ngababulali ngoko kwabona kufuneka bafe. Andizukuxoka, kudala ndiweva nam amabali wabantu abakhuphe izisu ndothuke ndibe nombono othile ngabo. Ndandingekafiki kulendawo ndikuyo ngoku ekwazini ngalomba. Sifundiswe kakubi, kwaye sifundiswe ukuba masingakhathali ngobomi namalungelo abafazi.

 

Masijonge ke ukuba umthetho walapha emzantsi uthini ngokukhupha isisu.

 

Kulo umbono bendikade ndifihla iintengiso zamayeza angakhuselekanga wokukhupha isisu. Zigcwele ezi ntengiso kuloliwe

Kulomfanekiso bendikade ndifihla iintengiso zamayeza angakhuselekanga wokukhupha isisu. Zigcwele ezi ntengiso kuloliwe.

 

Ukukhupha isisu eMzantsi Afrika kusemthethweni. Nabani na, nokuba uneminyaka emingaphi na, nokuba uphi na, ofuna ukukhupha isusu, uselungelweni lokwenza njalo kwisibhedlele esikhethwe ngurhulumente. Akunyanzelekanga kubekho omnye umntu oyivumayo lonto ngaphandle kwalomntu ufuna ukukhupha isisu.

 

Kudala ke ukukhutshwa kwesisu kusemthethweni,ntonje kohluke iindlela ngeendlela imithetho ebhalwe ngayo. Kwiminyaka edlulileyo kwakungavumelekanga ukuba umfazi azikhethele ukukhupa xa ethe wafikelela kwisigqibo sokuba akalufuni usana . Kwakufuneka kubekho zizathu ezithile. Umzekelo, xa mhlawumbi “umntana” ezakubeka “umzali” engozini ngobomi bakhe, okanye “umntana” engabonakali kuba uzakuphila kakuhle. Lemithetho ke yayisekwe ngurhulumente wengcinezelo ekuqinisekiseni ukuba abasethyini abamhlophe bazala ngakumbi ukogqitha abamnyama ngoba kaloku isizwe esimnyama sasibodlula abamhlophe ngokwamanani. Lonto yabangela ukuba abafazi abaninzi abamnyama babhubhe ngenxa yokukhupha izisu ngeendlela ezingakhuselekanga nezingekho semthethweni. Lomthetho ke wawubizwa ngokuba yi “Abortion Sterilisation Act”.

Yafika ke inkululeko, wayithetha into UMadiba, kwamnandi andithi? Watshintsha ke nalomthetho wangcono, wavuleka. Wabizwa ngokuba yi “Choice on Termination of Pregnancy Act”, yabe ikhuthaza inkqubo yokwazi ukuzikhethela ngokukhululekileyo. Silapho ke ngoku.

 

Into ebalulekileyo emasiyazi ngalomthetho yeyokuba: 
• Umntu ofuna ukukhupha isisu angakwazi, akadingi mvume komnye umntu.
• Nokuba uneminyaka emingaphi na, uyakwazi ukuya esibhedlele uyokhupa isisu engakhatshwa.
• Kukho izibhedlele urhulumente azikhethileyo ukuba zincede abantu bakhuphe izisu ngaphandle kokubhatala
• Kwinyanga ezintathu (3) zokuqala, Oogqirha, Umongikazi kwakunye nababelekisi (Midwives) bangakwazi ukuthetha nawe bakuncedise ekukhupheni isisu usela iipilisi ezikhuselekileyo, ezisemthethweni. Amagama wazo yi Mifepristone ne Misoprostol.
• Emva kweeNyanga ezintathu, isisu usikhupha esibhedlele (surgical abortion) okufundeleyo oko.
• Kuvumeleke ukuba umntu akhuphe isisu kude kufike iiveki ezingamashumi amabini (20 weeks). Ngapha koko kufuneka ibe kanti esisisu umntu asithweleyo sizakumenzakalisa, okanye sona isisu sizakwenzakala.

Kubuhlungu ke kuba yonke lento ithethwa apha ayenzeki ngalendlela siyibeke ngayo. Baninzi abafazi ababhubhayo ngenxa yokukhupha isisu ngeendlela ezifihlakeleyo, ezingekho semthethweni. Unobangela walonto yinto yokuba kaloku siyabamenya, siyabagweba, siyabathuka, sibagxotha emakhaya, sibagxotha ezikolweni, sibagxotha ezicaweni. Xa besiya ngasemva (backstreet abortions) akhomntu ubabuzayo, akhomntu uye ayazi, ngoko kubo yindlela yokuzikhusela. Kubi ke kuba bawela ezandleni bagangwe ngabantu ababonzakalisayo. I50% yokukhutshwa kwezisu yenzeka ngeendlela ezingekho semthethweni. Ndiqinisekile nawe unalo ibali, elakho okanye elomnye umntu, olaziyo lokukhupha isisu “ngasemva”.

Icandelo lezempilo likarhulumente aliqinisekisi into yokuba zonke izibhedlele ezikhethelwe ukukhupha isisu ziyasebenza. Yi40% okanye ngaphantsi qha esebenzayo. Asiqinisekanga ngazo zonke ke futhi, kwaye ezinye asizazi ukuba ziphi. Kulomsebenzi ndiwenzayo yenye yezinto esizama ukuyidibanisa ukwenzela sikwazi ukunceda abafazi abafuna ukukhupa izisu. Sifumana nemali eninzi (SinguMzantsi Afrika) esuka elizweni laseMelika ukuncedisa kwezempilo. Lonto ke iyasibetha kuba uDonald Trump (noBush) bathi kwamali bayikhuphayo bencedisa ngaphesheya akufunekanga isetyenziselwe nantoni na enokwenza nokukhupa isisu. Lonto bayibiza ngokuba yiGlobal Gag Rule.

 

Yiyo lonto ke siyikhuthalele kakhulu into kaGawulayo kuba imali eninzi ingenela ezozizathu. Qha ke asiyiboni into yokuba ngamanye amaxesha kukho abafazi abanofuna ukukhupha izisu babe benogawulayo okanye ngenxa yesosizathu, kwaye lonto iza neengxaki zayo. Lento ke indiphindisela kulaKimberle Crenshaw bendithethe ngaye kuqala ocacisa into yokuba iindlela esicalucalulwa ngazo zininzi.

Mandicacise into yokuba akukho nto imbi ngokusebenza ngogawulayo, impazamo yethu yeyokuyijonga ngendlela enye lonto kuba iyasibetha kwathina ibe ngendlela ethile, isakhuthaza ucalucalulo.

Siphila kwinkqubo esekelwe kugonyamelo lwamadoda. Abafazi abathenjwanga ngokuzikhethela into elungele bona okanye abayibona isebenza emizimbeni yabo. Into yokukhupha isisu siye sileqe siyifanise nento yokuzala usana ulibulale. Ayinjalongo. isisu esithweleyo nomntana ayonto inye leyo. Ukuvumela ukuba isisu sikhule ngaphakathi kwakho sisigqibo esikhulu eso. Zininzi ezinto ekufuneka umntu ezicingile. Masingajongi kakubi abafazi abakhetha ukukhupha izisu sicinge ukuba singcono kwaye sikhethe ubomi. Asikhethanga bomi kuba lomfazi simvalela ithuba lokuzikhethela simthuma kubantu abazakumbulala, lilonke sikhethe ukufa.

Ndiyathemba noko esi siqalo sale incoko sizakusiqhuba, khe siphicothe umba wabafazi nabanye abantu abacalucalulwayo malunga nendlela zokuphila abazikhethileyo, ingakumbi kwicala lesondo, lemizimba, nezigqibo abazithathayo ngokuzala. (Sexuality, Choice and Fertility Planning).

Kolandeloayo umbhalo ndizakuthetha ngokusebenzisa ikomityi eganga igazi lasexesheni (menstrual cup).

Uba kukho enye into endingabhala ngayo oyicingayo, ndixelele ku nomtikamjwana@gmail.com.

October 17, 2017